Zininzi izinto ezinokusithintela ekuzuzeni ukuphumla kwenene kuYesu. Ezinye zazo zicacile azidingi nokuqwalaselwa kangako. Ezinye azicacanga kangako kuthi, njengokuya kungaphantsi komhlaba kumthi weaspen, nesithi singakwazi ukuziqikelela ukuba zikhona nezenza ukuba sibe nengqondo nezenzo ezisahlulayo kuMsindisi wethu
"5Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu: 6yena wàthi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba; 7usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu;" KwabaseFilipi 2:5-7