Imibono ekwinkoliso yeencwadi zesiprofeto yabakho ngemihla eyahlukahlukeneyo *(umz. uDaniyeli 7:1 no-8:1)* kodwa mnye kuphela umhla onikelwe kwimibono ekwisiTyhilelo *(1:10).* UYohane uthathwa nguMoya oyiNgcwele ezulwini apho ukuze abone itrone ezukileyo eyongamela yonke imicimbi yendalo iphela. Xa iidemon kunye noosopolitiki abakhohlakeleyo becinezela kwaye bewaphoxa amaKristu kufuneka babhenele kule trone yobabalo *(Hebhere 4:16).*